
74 BONA XHOSA - September 1996
ngoncedo
lweYardley
Summer
Colour
Collection eYardley bath Luxuries 

Ukuba akuqiniseki ngokuthambisa imake-up , landela eli cebiso lakwaYardley , uza kuba yeyona nzwakazi mhla utshata!

Cocisisa, ufumise ulusu lwakho phambi kokuba uthambise imake-up . Khetha imibala engqinelana nebala elintsundu. IYardley Summer Collection entsha inemibala emihle, ethandekayo enik' umkhitha, eyaseAfrika.

Isithambiso sokuqala sifanele sisondele kakhulu kulusu lwakho, nesithambiso esinik' umbala sibe sesombala ontsundu.

IYardley Eyeshadow  Trios
zineentlobo ezintathu ongazisebenzisa emehlweni. Khetha imibala eya kukhupha ibala lakho lemveli, njengemibala enik' umkhitha esiyisebenzise kuNomsebenzi.
IYardley Black Mascara siyifake oomaleko ababini ukuze ingakhawulezi iphelelwe.

Imilebe yakho yityikile ekupheleni ngelip pencil nayo enombala ontsundu kunelipstick . Khetha enombala onomtsalane yakwa Yardley Summer Collection . Zama iSupermoist Lipstick Golden Spice - inaso isiqinisekiso solwaa ncumo lunomtsalane. Yithelekise neYardley Golden Spice Nail Colour .

IYardley Summer Collection ixabisa ukususela kwi-R11,95 inye, ifumaneka kwiivenkile neekhemisti ezithile. Ukuze ufumane inkcazelo fowunela uKaren , nantsi inombolo (021) 544421.

Izihombo neewotshi zezakwa STERNS .














Fekethisa umzimba wakho ngokuwunonophela ngokukodwa. Ukuze uzive ukuba nene-nene ungowasetyhini wutshiza-tshe ngevumba elimnandi. Ukuze lihlale lingapheli imini yonke, khetha iimveliso ezinexabiso ngalifikelela nezikwenza ube nevumba elimnandi. IYardley bath Luxuries inako konke okufunayo okukwenza ube nevumba elinomtsalane.



Zifekethise ngeYardley Foam Bath usebenzise IYardley Soap enevumba elinuka kakuhle. Ukuba ukhetha ukubhafa eshaweni, kukho IYardley Bath And Shower Gel enesiqholo nelungiselelwe wena.

Ukuhlamba ngamanzi abandayo kuya kuvala iintuna phambi kokuba uwosule wome umzimba wakho uze uwuthambise ngeYardley Hand And Body Lotion . Zikhusele Roll-on Deodorant uze umzimba wakho uwutshize nge Yardley Talc enevumba.

Okokugqibela phambi kokuba unxibe isinxibo sakho somtshato zitshize kancinane ngeYardley Perfume . Tshiza intwana kumphetho welokhwe , ivumba elihle liya kukugcina imini yonke.

Sisebenzise udidi olupheleleyo lwePeach Blossom , kodwa kukho iindidi ezintlanu onokukhetha kuzo: iRoses , iSweet Pea , iPetunia , iLily of the Valley neCarnation . Amaxabiso eemveliso zeYardley bath Luxuries asusela kwi-R6,50 ukuya kwi-R32,95.























ompuluswa
nomhle

Ngeli cebiso lakwaBump Patrol akukho sizathu
sokuba indoda ibe nezigingqi ezibi nezibuhlungu ezenziwa yireyiza eluswini lwayo ngemini
yomtshato, okanye nangayiphi na enye imini:

	Sebenzisa ireyiza ebukhali nesithambiso sokusheva esilungileyo.
	Zichebele kwica1a ezingakhuli zibheke ngakulo iinwele.
	Qaba iBump Patrol yonke imihla emva kokususa iindevu ubulale iintsholongwane unqande nokukraleka. Umxube
wayo ovangiweyo unceda ukupholisa nokupbucula
zonke iimeko zolosu.
	Qiniseka ukuba uya kuba nolusu olumpuluswa noluthambileyo olungenamaqhakuva emva
kokuyisebenzisa iintsuku ezisixhenxe.
	Hlikihlela intwana yesifumisi ebusweni nasentanyeni wandule
ukuyekela inkangeleko entle
yendalo iqaqambe. Fumana ezinye iinkcukacha neendawo onokuyifumana kuzo iBump Patrol ngokutsalela umnxeba kule nombolo (012) 6669044.




ukukhatha1ela  linwele
ekugqibeleni inkqubo eguqukayo
yokunonophela iinwele ewenza amadoda abe neenwele ezintle

AMADODA aseMzantsi Afrika
yaqonda ukuba indlela abukeka ngayo ibaluleke kakhulu, ukanti iinwele ezintle, ezinonotshelwayo nezilungisiweyo ikwayindlela ebalulekileyo yokubonisa ukuba ungubani nokuthi usingise phi. iRevlon S-Curl inikwe eli gama
ngenxa yezinto ezenza ezinweleni. Izaphothe zibumbeke okonobumba u-S ukanti izigcina zithambile yaye zichazeka lula iinwele.
Wakugqiba ukusebenzisa iTexturizing Relaxer tharnbisa iNeutralizing Shampoo ukunqumamisa ukusebenza kweekhemikhali ukuze ucocisise ukhondishine iinwele.
iTexturizing Gel Activator yimveliso yokulondoloza. Yisebenzise imihla le ukukhondishina , ukufumisa nokuze izaphothe zihlale zigobile. Umphumo kukuba neenwele ezithambileyo nezikameka lula.
IMoisturising Pomade yimveliso yokulondoloza engafumisi iinwele kuphela kodwa izigcina iinwele zizihle zikameke kakuhle.
Iimveliso iiRevlon S-Curl zinemiyalelo. Yifunde le miyalelo ngenyameko phambi kokuba uvisebenzise iTexturing Relaxer















		BONA XHOSA - September 1996 75

		Izihombo neewotshi zezakwaSTERNS .

78 BONA XHOSA-

		Izihombo neewotshi zezakwaSTERNS

		BONA XHOSA - September 1996 81

